Ezekiel 14:22 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Noko, bona ke, kuya kusaliswa kuyo abasindileyo, abaya kupunyiswa, onyana nentombi: bona ke, baya kupumela kuni, naniya kubona indlela yabo nezenzo zabo; naniya kututuzelwa ngalo ilishwa endilizisileyo pezu kwe‐Yerusaleme, ngako konke endikuzisileyo pezu kwayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yabonani ke, kuya kusala kuyo abasindileyo, abaya kukhutshwa, abangoonyana neentombi; yabonani, baya kuphuma beze kuni, niyibone indlela yabo neentlondi zabo; nithuthuzeleke ngenxa yobubi endayizisela bona iYerusalem, ngenxa yento yonke endayizisela yona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yabonani, kuya kubakho abasindileyo kuwo, abangoonyana neentombi; yabonani, baya kuphuma beze kuni, niyibone indlela yabo neentlondi zabo; yaye ngokuqinisekileyo niya kuthuthuzeleka ngenxa yentlekele endiyizisele iYerusalem nangenxa yako konke endikuzisele kona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Naxa kunjalo baya kubakho abasindayo – oonyana neentombi abaya kubhunca esixekweni. Baya kuphuma beze kuni, niyibone imikhwa yabo nezenzo zabo, nize nizibonele ngokwenu isizathu sokuba iJerusalem ndiyithumele ngentlekele – nditsho yonke intlekele endiyizisele yona.