Ezekiel 14:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ukuze ndibambe indlu ka‐Sirayeli ngeyabo intliziyo, ngokokuba bona bonke bahlukene nam ngezitixwana zabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ukuze ndiyixhakamfule indlu kaSirayeli ngentliziyo yabo, ekubeni beshenxile kum bonke bephela ngezigodo zabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ukuze ndingenise indlu kaSirayeli ezintliziyweni zabo, ngenxa yokuba bonke bandinikele umva ngezithixo zabo ezinezothe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Oku ndiya kukwenzela ukubuyisa iintliziyo zabo bonke abantu bam bakwaSirayeli, abathe bandilahla ngenxa yezithixo.’