Ezekiel 14:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba owakuyo indlu ka‐Sirayeli, nowakuye owasemzini opambukele kwa‐Sirayeli, osukuba azahlule kum, azipakamise izitixwana zake entliziyweni yake, asibeke isiku̔bekiselo senkohlakalo yake pambi kwobuso bake, eze kumprofite ukuzibuzela yena ngam; mna Yehova ndiya kumpendula ngokwam:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba elowo nalowo wasendlwini kaSirayeli, nowasemzini ophambukele kwaSirayeli, othe wazahlula ekundilandeleni kwakhe, wanyusa izigodo zakhe entliziyweni yakhe, wamisa isikhubekiso sokuba abe gwenxa phambi kobuso bakhe, weza kumprofeti ukuze aquqele kum ngenxa yakhe: mna Yehova ndomphendula ngokwam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Elowo wendlu kaSirayeli, nowasemzini ophambukele kwaSirayeli, othe wazahlula kum, nozahlulayo kum, nonyusa izigodo zakhe entliziyweni yakhe, nobeka phambi kwendlu yakhe isikizi lenkohlakalo yakhe weza kumprofeti ukuba abuze kuye. Ngam; Mna, Yehova, ndiya kumphendula ngokuphuma kum.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Xeshikweni nawuphi na umSirayeli okanye umngeneleli uthe wazikhwebula kum, waza waqulatha izithixo entliziyweni yakhe, wabeka nesikhubekiso senkohlakalo phambi kwakhe, asuke aye kubuza ngam kumshumayeli, mna Ndikhoyo ndiya kumphendula ngokwam.