Ezekiel 15:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bona ke, unikwa emlilweni ube zinkuni; incam zawo zombini umlilo uyazitshisa, nompakati wawo uṙaukile; ulungele isetyenzwa na?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yabona, ufakwa emlilweni ukuba uwutshise; umlilo utshisa iincam zawo zombini, sirhawuke isibili sawo; wowulungela na ke umsebenzi?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yabona, kufakwe emlilweni njengokudla; umlilo utshisa iincam zayo zombini, nombindi wayo urhawuke. Ngaba iwufanele nawuphi na umsebenzi?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuba lubasiwe lwavutha macala, lwarhawuka umongo, ngaba kusekho lutho lungenziwa ngalo?