Ezekiel 15:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bona ke, wakuba upela, awenzelwa isetyenzwa; kancinane kangakananina ngakumbi ke, nxa umlilo uwutshisile, na nxa uṙaukile, ungayi kuba usenzelwa isetyenzwa?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yabona, oko ube usewonke, ubungenamsebenzi; wobeka phi na ke ukungabi namsebenzi, xa uthe watshiswa ngumlilo, warhawuka?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yabona, xa ibifile, ibingenamsebenzi; Ukuba ungawutshiselwa ngumlilo, ubungafanelanga na kuwo nawuphi na umsebenzi?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa belingenamsebenzi liselukhuni kubeka phi ke ngoku xa lurhawukile?