Ezekiel 15:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko, itsho inkosi e nguyehova ukuti: Njengomti weveyine pakati kwemiti yehlati, endiwunikileyo emlilweni ube zinkuni, kwa njalo ndibanikile abemi base‐Yerusaleme.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Njengomthi womdiliya phakathi kwemithi yehlathi, endiwufaka emlilweni ukuze utshiswe, ndenjenjalo ukubabeka emlilweni abemi baseYerusalem, Ndiya kubachasa;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Njengomdiliya phantsi kwemithi yehlathi, endiwutshisayo emlilweni, ukuba ube ziinkuni, ndenjenjalo ukubanika abemi baseYerusalem;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngako oko itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Kwimithi yehlathi ukhuni lwediliya ndilumisele ukuba lubaswe. Kuya kuba njalo nakubemi baseJerusalem.