Ezekiel 16:31 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ekubeni uyaka indlwana yombulo yako encameni yendlela zonke, nendawo yako epakamileyo uyenza kuzo zonke izitarate; ungabanga njengompinyiswa, ngokugxeka umvuzo!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ekwakheni kwakho amanqugwala emantloko eendlela zonke, nasekwenzeni kwakho iindawo zakho eziphakamileyo ezitratweni zonke, akubanga njengehenyukazi eli, ngokusuka uwucukuceze umvuzo wobuhenyu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ukuze wakhe uzuko lwakho emantloko eendlela zonke, wenze ukuphakama kwakho ezitratweni zonke; anibanga njengehenyukazi, ningcikiva umvuzo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xeshikweni usakha iingqumba zakho zamatye ekungeneni kwazo zonke izitalato, usenza nezibingelelo zakho kuzo zonke iindawo zesixeko eziphangaleleyo, ube wahlukile kwamanye amahenyukazi, kuba ubuyichasile intlawulo.