Ezekiel 16:36 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ngokokuba kutululwe intsila yako, nokuba kutyiliwe ubuzé bako, ngemibulo yako kunye nabatandi bako, nakunye nazo zonke izitixwana zezinto zako ezibuntshontsho, nangegazi labantwana bako, obubanika kuzo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba iphalele imali yakho, batyhileka ubuze bakho ngokuhenyuza kwakho nezithandane zakho, nangenxa yezigodo zonke zamasikizi akho, nangenxa yamagazi oonyana bakho, owabanikelayo kuzo:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
“Itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi, ‘Ngenxa yokuba ukungcola kwakho kuphalaziwe yaye amampunge akho atyhilwe ngokuhenyuza kwakho nabantu obathandayo nakubo bonke oothixo abangahlambulukanga bezinto zakho ezicekisekayo nangegazi koonyana bakho owabanikayo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ekubeni ubutshiseka, waza wahamba ze xeshikweni usenza amanyala namadoda akho, ngenxa yezithixo zakho ezinezothe, othe wanikezela ngegazi labantwana bakho kuzo,