Ezekiel 16:37 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngako oko, bona ke, ndiya kuhlanganisa bonke abatandi bako, obumnandi kubo, kwa bonke abo ubatandileyo, kunye nabo bonke ubatiyileyo; ndobahlanganisa ke ngakuwe ngento engqongayo, ndibatyilele ubuzé bako, bade babone bonke ubuzé bako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ngako oko, yabona, ndiya kuzithabatha zonke izithandane zakho owakholisana nazo, nabo bonke owabathandayo, ndawonye nabo bonke owabathiyayo, ndibahlanganise, ndikuchase ngeenxa zonke, ndibutyhile ubuze bakho kubo, babubone ubuze bakho bonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngako oko, uyabona, ndiya kubahlanganisa bonke abo ubathandayo, owabathandayo, nabo bonke owabathandayo, kunye nabo bonke owabathiyayo; Kwaye ndiya kubahlanganisa ngeenxa zonke kuwe kwaye ndiya kulityhila kubo ihlazo lakho, ukuze balibone lonke ihlazo lakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ngoko ke ndiza kuwaqokelela onke amadoda akho abekuvisa ubumnandi ngokulala nawe, onke bethu, lawo ubuwathanda nalawo ubuwacaphukela. Ndiza kuwaqokelela kuzo zonke iindawo, ndize nawo phambi kwakho, ndikuhambise ze, abubone ubuze bakho.