Ezekiel 16:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nokuzalwa kwako, emhleni ubuzalwa ngawo, ubunganqanyulwa inkaba, ubungahlanjwa ngamanzi ukuba kucocwe; ubungake umvumvuzelwe ngetyuwa, ubungake usongelwe eziqoqweni kanjako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuzalwa kwakho ke, ngemini yokuzalwa kwakho ayinqunyulwanga imfesane yakho, akuhlanjwanga ngamanzi ukuba usuleke, akuhlikihlwanga ngatyuwa, akusongelwanga zisongelweni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuzalwa kwakho ke, ngemini yokuzalwa kwakho ayinqunyulwanga inkaba yakho, akuhlanjwanga ngamanzi ukuba ukhohlise; ubungebanga netyuwa konke konke, akuchaphazelekanga konke konke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ayisikwanga inkaba yakho mhla wazalwa; awuhlanjwanga nangamanzi ukuze ucoceke; awuhlikihlwanga nangetyuwa; awusongelwanga nangengubo.