Ezekiel 16:43 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngenxa yokuba ungakumbulanga imihla yobutsha bako, koko undicapukisile ngazo zonke ezi zinto, ngako nam, bona ke, ndiya kubuyekeza indlela yako pezu kwentloko yako, itsho inkosi e nguyehova; waungayi kukwenza okuhlazekileyo ngapezu kwazo zonke izinto zako ezibuntshontsho.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngenxa enokuba ungayikhumbulanga imihla yobuncinane bakho, wesuka wangqungisana nam kwezi zinto zonke: yabona, nam ndikunika ngokwendlela yakho entlokweni yakho, itsho iNkosi uYehova, ukuze ungenzi manyala angaphezu kwamasikizi akho onke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngenxa yokuba akuyikhumbulanga imihla yobutsha bakho, kodwa undikhwankqise kuzo zonke ezi zinto; yabona, ndiya kukubeka ngokwendlela yakho entlokweni yakho, itsho iNkosi uYehova; yaye musani ukusenza esi senzo silihlazo ngaphezu kwawo onke amasikizi enu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ndiya kukwenza ulithwale ityala laloo nto uyenzileyo, kuba akuzikhumbulanga iimini zobutsha bakho, ngoko undenze ndaqumba ngenxa yoko ukwenzileyo. Akongezanga amanyala na phezu kwamanyundululu owenzileyo?