Ezekiel 16:45 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Uyintombi yonyoko wena, obedela indoda yake nabantwana bake; kanjalo ungudade wodade bako wena, abadela amadoda abo nabantwana babo; unyoko ebengum‐Hetekazi, noyihlo ebengum‐Amori.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wena uyintombi yonyoko, odimeleyo yindoda yakhe nabantwana bakhe; wena ungudade woodade benu, abadimeleyo ngamadoda abo nabantwana babo; unyoko ngumHetikazi, uyihlo ngumAmori.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wena uyintombi yonyoko, oyithiyileyo indoda yakhe nabantwana bakhe; wena ungudade woodade benu, abamthiyileyo amadoda abo nabantwana babo; unyoko ngumHetikazi, uyihlo engumAmori.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku umfuzile unyoko, kuba yena wamdela umyeni wakhe kunye nabantwana bakhe; ukwangumgubo wengxowa enye noodade wenu abâthi bona babadela abayeni babo nabantwana babo. Unyoko wayengumHiti, uyihlo engumAmori.