Ezekiel 16:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bekungeko iliso elinosizi pezu kwako, ukuba likwenzele enye kwezi zinto, ukuba libe nenceba ngakuwe; koko ubulahlelwa endle ngokudelwa kwobomi bako, emhleni ubuzalwa ngawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akubangakho liso linenceba kuwe, ukuze wenzelwe noko inye kwezo zinto, ngokuba nofefe kuwe; walahlelwa endle ngokucatshukelwa kwakho ngemini yokuzalwa kwakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akubangakho liso linenceba kuwe, ukuze wenze noko inye kwezo zinto kuwe, ukuba abe nenceba kuwe; ke wena waphoswa ezweni, ngenxa yento elisikizi kuwe, ngomhla wokuzalwa kwakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akubangakho mntu uvelanayo nawe, ukuze abe nemfesane akwenzele ezi zinto. Kodwa suka walahlelwa phandle, kuba ubujongelwe phantsi mini wazalwa.