Ezekiel 16:55 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baye odade bako, i‐Sodome nentombi zayo, beya kubuyela kokwapambili ukumila kwabo, nayo i‐Samariya nentombi zayo ziya kubuyela kokwapambili ukumila kwazo, nawe nentombi zako niya kubuyela kokwapambili ukumila kwenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baya kuthi abasakwenu, iSodom namagxamesi ayo, babuyele kwakwisimo sabo sangaphambili, noSamari namagxamesi akhe babuyele kwakwisimo sabo sangaphambili, nawe namagxamesi akho nibuyele kwakwisimo senu sangaphambili.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa oonyana bakho, iSodom namagxamesi ayo, babuyela emhlabeni wabo wokuqala, noSamari namagxamesi akhe babuyela ezweni labo lamandulo, nawe neentombi zakho niza kubuyela ezweni lakowenu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Oodade wenu uSodom neentombi zakhe, noSamariya neentombi zakhe, baza kubuyela kwimbo yabo; nawe neentombi zakho uza kubuyela kwimbo yenu.