Ezekiel 16:57 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ingekatyilwanga inkohlakalo yako, njengasexesheni lokugxeka kwentombi zase‐Siriya, nazo zonke eziyingqongayo, intombi zama‐Filistiya, ezikucekisayo ngokungqonga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
zingekatyhilwa izinto zakho ezimbi, njengasexesheni lesingcikivo samagxamesi akwa-Aram nesangeenxa zonke kuye, samagxamesi amaFilisti, awakucukulayo ngeenxa zonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abukabonwa ububi bakho, njengakwimihla yokugculelwa kweentombi zama-Aram, neyabangeenxa zonke kuye, neentombi zamaFilisti, ebezikucunula ezindaweni zonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
kuba kaloku ubugwenxa bakho babusafihlakele. Kodwa ngoku iintombi zase-Edom nabo bonke abamelwane bazo zikujongele phantsi, ngokunjalo iintombi zamaFilistiya nabo bonke abakungqongileyo.