Ezekiel 16:59 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba isitsho inkosi e nguyehova ukuti: Sendiya kwenza ngakuwe, njengokuba wenje njalo wena, osidelileyo isifungo, ngokwapula ucebano.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndenza ke kuwe njengoko wenze ngako wena, osidelileyo isifungo, ukuba uwaphule umnqophiso.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi: “Nawe ndiya kwenza njengoko wenze ngako, wena osidelileyo isifungo ngokwaphula umnqophiso.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ndiza kukuphatha ngendlela ofanele ukuphathwa ngayo, kuba kaloku uzibizele isiqalekiso ngokuwutyeshela umnqophiso.