Ezekiel 16:61 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wauya kukumbula indlela zako, udaniswe, nxa uya kwamkela odade bako, abakulu bako nabancinane bako; ndandiya kubanika kuwe babe zintombi zako, — kungengalo ucebano lwako kodwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wozikhumbula iindlela zakho, udane ekubamkeleni kwakho oodade benu, abakhulu kunawe kunye nabancinane kunawe;ndikunike babe ziintombi kuwe, noko bengengabomnqophiso wakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Apho niya kukukhumbula ukushukuma kwenu, kwaye niya kuba neentloni ekubamkeleni kwenu abantwana benu, abadala benu nabancinane benu; Ndokunika bona babe ziintombi zakho, kodwa bangabi ngomnqophiso wakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uya kuthi ke uzikhumbule izenzo zakho, ube neentloni xa usamkela oodade wenu abakhulu kunawe nabancinane kunawe. Ndobanikela kuwe njengeentombi, naxa ndingayi kubabandakanya kumnqophiso wethu sobabini.