Ezekiel 16:63 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ukuze ukumbule, udane, ungabi sabuya uvule umlomo wako ngenxa yehlazo lako, ndakuxolela konke ukwenzileyo, itsho inkosi e nguyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ukuze ukhumbule, udane, ungabi saba nakuvula mlomo ngenxa yehlazo lakho, ekukuxoleleni kwam zonke izinto ozenzileyo;itsho iNkosi uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ukuze ucinge uze ume uneentloni uze ungabi sawuvula umlomo wakho kwakhona ngenxa yehlazo lakho, ukuba ndiya kuphinda ndikuxolelanise ngenxa yako konke okwenzileyo,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa ndikuxolela ngako konke okwenzileyo uya kukhumbula, zikuphathe iintloni, uze ungabuye uwuvule nokuwuvula oku umlomo ngenxa yokuthobeka kwakho, itsho iNgangalala uNdikhoyo.”