Ezekiel 16:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndakwenza amawakawaka njengokuhluma kwezindle; wada wanda, waba mkulu, wangena ekuhonjweni kakulu; amabele ako abonxa, nenwele zako zakula; kanti ubuzé, ubuhlubulukile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndakwenza waba yinyambalala, njengokuntshula kwentsimi;wanda, wakhula, wafika entlahleni yezidlele; waphuma amabele, bahluma uboya bakho; waye ke wena uze kanye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndakwenza wandisa njengembewu yelizwe, wanda, wahluma, wafikelela eehokweni ezintle;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ndakukhulisa okwesihluma edlelweni. Wakhula wahluma waba njengelona litye lihle kumatye aqaqambileyo, antshula amabele akho, zakhula neenwele zakho, kodwa wawuze.