Ezekiel 16:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndati ndakudlula ngakuwe, ndakukangela; kekaloku bona ke, ixesha lako belilixesha lotando; ndaza ndandlala isondo lengubo yam pezu kwako, ndabugubungela ubuzé bako, ndakufungela, ndangena elucebanweni nawe, itsho inkosi e nguyehova, waza waba ngowam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku ndagqitha kuwe, ndakubona, nalo ixesha lakho lilixesha lothando. Ndatwabulula isondo lengubo yam phezu kwakho, ndabugubungela ubuze bakho; ndakufungela, ndanqophisana nawe, itsho iNkosi uYehova; waba ngowam ke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndagqitha kuwe, ndakubona, yabona, ixesha lakho lilixesha lothando; Ndatwabulula ingubo yam phezu kwakho, ndabamba ubuze bakho; ndakufungela, ndenza umnqophiso nawe, itsho iNkosi uYehova; waba ngowam ke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ndadlula kwakhona emva kwexesha, ndathi ndakukujonga ndabona intombi eseyifikisile, ndaza ndakwambathisa ngesondo lengubo, ndabufihla ubuze bakho. Ndafunga ndenza umnqophiso nawe, waba ngowam ke ngoko, itsho iNkosi uNdikhoyo.