Ezekiel 17:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo, bona ke, utyelwe nje, uya kulunga na? awuyi kugqibela kubuna na, nxa umoya wasempumalanga uwubetayo? ezindimeni zokuhluma kwawo uya kubuna.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yabona, khona utyelwe, womila na? Awuyi kubuna ubune na, wakufikelwa lulophu lwasempumalanga? Uya kubunela ezindimeni ohlume kuzo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yabona, ukuba luthi lwatyalwa, lomila na? Awuyi koma na, ukuba uthe wafikelwa lulophu lwasempumalanga? Iya koma emseleni obukhule kuwo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Khona ukuba uphinde watyalwa kwenye indawo uya kukhula na? Awukubuna mpela na xa kuthe kwavuthuza ulophu, ubune umi kuloo ndawo ubukhula kuyo?”