Ezekiel 17:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yiti ke kwindlu enenkani: Anizazi na ezi zinto ukuba zinina? Yiti: Bona ke, ukumkani we‐Babilone weza e‐Yerusaleme, watabata ukumkani wayo, nenkosana zayo, wabazisa naye e‐Babilone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Khawuthi kwindlu eneenkani, Anikwazi na ukuba kuyintoni na oko? Yithi, Yabonani, ukumkani waseBhabheli weza eYerusalem, wamthabatha ukumkani wayo nabathetheli bayo, wabasa kuye eBhabheli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yithi ke kwindlu eneenkani, Anikwazi na ukuba kuyintoni na oko? Yithi kubo, Yabonani, ukumkani waseBhabheli weza eYerusalem, wamthabatha ukumkani wakhe nabathetheli bakhe, wabasa naye eBhabheli;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Yithi kwindlu yoonkanishe: ‘Ngaba aniyazi intsingiselo yezi zinto?’ Yithi kubo: ‘Ukumkani waseBhabheli waya eJerusalem, wamthimba ukumkani walapho nezinxiba-mxhaka zakhe, wabasa eBhabheli,