Ezekiel 17:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa wavukela ngakuye, ngokutuma izigidimi zake ukuya e‐Jipete, ukuba bamnike amahashe nabantu abaninzi. Uya kutamsanqeleka na? uya kusinda na okwenzayo oku? kanene uya kwapula ucebano, asinde na?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wasuka ke wagwilika kuye ngokuthuma abathunywa bakhe eYiputa, ukuze anikwe amahashe nabantu abaninzi. Woba nempumelelo na? Wosinda na owenze loo nto? Wowaphula umnqophiso, asinde na ke?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wasuka ke wagwilika kuye ngokuthumela abakhonzi bakhe eYiputa, ukuze amnike amahashe namadoda amaninzi. Ngaba uya kuphumelela? Wosinda na owenze ezo zinto? Okanye ngaba uza kuyiqhekeza aze asinde?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ukumkani waseJerusalem wamvukela owaseBhabheli, waza wathuma izithunywa eJiputa ukuba ancedwe ngamahashe nomkhosi omkhulu. Ngaba uya kuphumelela? Ngaba umntu owenza izinto ezilolu hlobo uyasinda; nditsho ofumana asikhabe isivumelwano?’