Ezekiel 17:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nabo bonke abasabileyo bake, kunye nawo onke amabandla ake, baya kuwa ngeṙele; nabo baseleyo bopangalaliselwa kuyo yonke imimoya; naniya kukwazi okokuba mna Yehova nditetile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baya kuwa likrele bonke abasabileyo bakhe emahlelweni akhe onke, namasalela athiwe saa qhu kwimimoya yonke; nazi ukuba mna Yehova ndithethile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye bonke abasabileyo bakhe ngomphefumlo wakhe wonke ndiya kuwa kunye nelizwe, kwaye amasalela ayakuba ziintsali emazweni onke; nazi ukuba ndinguYehova othethileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wonke umkhosi wakhe osabayo uya kubulawa ngekrele, ize intsalela iphalale. Ngoko niya kundazi ukuba mna Ndikhoyo ndithethile.