Ezekiel 17:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yiti: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Uya kulunga na? Ingcambo zawo aluyi kuzinyotula na, neziqa̔mo zawo aluyi kuzimqumla, ukuba ubune ke? Onke amagqabi okuhluma kwawo aya kubuna, nakubeni kungeko amandla amakulu, nabantu abaninzi, ukuba udonyulwe ngencambo zawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yithi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Womila na? Elaa xhalanga aliyi kuzinyothula na iingcambu zawo, lizinqumle iziqhamo zawo, ubune, athi onke amagqabi amatsha okuhluma kwawo abune, kungabi nangangalo inkulu nangabantu baninzi, ukuwususa ezingcanjini zawo?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaba nithi, Itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi; Ngaba iya kuphumelela? Ke yena akayi kuzinyothula na iingcambu zawo, azinqumle iziqhamo zawo, ubune? Iya kubuna onke amagqabi omthombo wayo, nokuba ingenawo amandla amakhulu okanye abantu abaninzi bokuwuncothula ngeengcambu zawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Yithi kubo: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ngaba lo mdiliya uza kuchuma na? Awusayi kuncothulwa na lukhozi lokuqala, lunqothule zonke iziqhamo zawo, uze ubune? Amahlumelo awo onke aya kubuna. Xa uncothulwe emhlabeni akuyi kubakho mfuneko yandoda isisigantsontso okanye iqela labantu.