Ezekiel 18:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ubolekile ngenxa yenzuzo enkulu, nokwanda okuninzi uwutabatile; uya kudla ubomi ke na? akayi kudla ubomi: zonke ezizinto ezibuntshontsho uzenzile; uya kufa ngenyaniso; igazi lake loba pezu kwake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
onikela imali ukuba adle abanye ngayo, othabatha inzala yemboleko: wophila na ke loo nyana? Akayi kuphila; wenze onke la masikizi; uya kubulawa afe; igazi lakhe liya kuba phezu kwakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wayesebenzisa inzala, ethabatha inzala; uyakuphila ke? akayi kuphila; bayawenza onke amasikizi; inene, uya kufa; igazi lakhe malibe phezu kwakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
uyabaxhaphaza abantu xa ebolekisa, ewe, ubiza inzuzo engaphaya. “Ngaba uya kubudla ubomi umntu onjalo? Hayi! Ngokwenza onke la manyundululu umelwe kukufa, avune into abeyihlwayele.