Ezekiel 18:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
o buyisile isandla sake kolihlwempu, inzuzo enkulu nokwanda okuninzi akakutabatanga, izigwebo zam uzenzile, na semimisweni yam uhambile; lowo akayi kufa ngenxa yenkohlakalo yoyise; uya kudla ubomi ngenyaniso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
abuyise isandla sakhe kolusizana; angadli abanye ngemali, angathabathi nzala yamboleko, wenza ngokwamasiko am, uhamba ngemimiselo yam: lowo unyana akayi kufa ngobugwenxa bukayise;inene uya kuphila.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
owabamba isandla sendoda elihlwempu, yona engathabathanga nzala, nanzala, neyayigcina imali yam, wahamba ngemali yam; akayi kufa ngobugwenxa bukayise; uya kuphila.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ubethela kude esonweni; akabaqhathi abo ababolekayo, hayi akababizi inzuzo engaphaya; uyayithobela imithetho, enze ngokwemimiselo yam. “Akayi kufa ngenxa yesono sikayise, koko uya kubudla ubomi.