Ezekiel 18:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Noko niti: Yinina? unyana akatwali ityala loyise na? Nxa unyana enzile okufanelekileyo nokulungileyo, yonke imimiso yam uyigcinile, wayenza nokuyenza, uya kudla ubomi ngenyaniso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukanti nithi ke, Kungathuba lini na ukuba unyana angabuthwali ubugwenxa bukavise? Unyana kaloku wenze ngokwesiko nangobulungisa; uyigcinile yonke imimiselo yam, wayenza; inene, uya kuphila.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke nina nithi, Ngani na? Unyana akabuthwali na ubugwenxa bukayise? Ukuba inkwenkwe ithe yenza ngokwesiko nangobulungisa, yayigcina yonke imithetho yam, ukuba iyayenza, iphila.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Niyabuza ke nina: ‘Ngani ukuba unyana angalithwali ityala likayise?’ Kaloku unyana wenze ubulungisa, wahamba ngokwemiyalelo yam; yena uya kubudla ubomi.