Ezekiel 18:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Umpefumlo owonayo wona uya kufa: unyana akayi kutwala ityala loyise, kanjalo uyise akayi kutwala ityala lonyana; ukulunga kwolungileyo kwoba pezu kwake, nokukohlakala kwokohlakeleyo kwoba pezu kwake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umphefumlo owonayo, kuya kufa wona wodwa. Unyana akayi kuthwala ubugwenxa bukayise, noyise akayi kubuthwala ubugwenxa bonyana; ubulungisa belungisa buya kuba phezu kwalo, nokungendawo kongendawo kuya kuba phezu kwakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umphefumlo owenza isono kuya kufa wona. Unyana akayi kuthwala ubugwenxa bukayise, noyise akayi kubuthwala ubugwenxa bonyana;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngumntu owonileyo oya kufa. Unyana akayi kulithwala ityala likayise, noyise akayi kulithwala ityala lonyana. Olungileyo uya kuvuzwa ngobulungisa bakhe, okhohlakeleyo ohlwaywe ngenkohlakalo yakhe.