Ezekiel 18:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa okohlakeleyo nxa aguqukayo kuzo zonke izono zake azenzileyo, ayigcine yonke imimiso yam, akwenze okufanelekileyo nokulungileyo, uya kudla ubomi ngenyaniso, akayi kufa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ongendawo ke, xa athe wabuya ezonweni zakhe zonke azenzileyo, wayigcina yonke imimiselo yam, wenza ngokwesiko nangobulungisa, inene, uya kuphila; akayi kufa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa ukuba umntu ongendawo uthe waguquka ezonweni zakhe zonke azenzileyo waza wayigcina yonke imiyalelo yam emisiweyo waza wenza ubulungisa nobulungisa, ngokuqinisekileyo uya kuphila, akayi kufa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kodwa ukuba okhohlakeleyo uthe wazishiya izono zakhe, wahamba ngokwayo yonke imimiselo yam, wenza okulungileyo nobulungisa, akayi kufa, kodwa uya kubudla ubomi.