Ezekiel 18:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa olungileyo akuguquka ekulungeni kwake, enze ubumenemene, esenza ngazo zonke izinto ezibuntshontsho azenzayo okohlakeleyo, woka adle ubomi na? Konke ukulunga kwake akwenzileyo akuyi kukunjulwa; ngesigqito sake agqitileyo ngaso, nangesono sake onileyo ngaso, kwa ngazo uya kufa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Khona ekubuyeni kwelungisa ebulungiseni balo, lenza ngobugqwetha, ngokwamasikizi awenzileyo ongendawo, lophila na lona? Yonke imisebenzi yalo yobulungisa elayenzayo ayiyi kukhunjulwa; ngenxa yobumenemene balo elimeneze ngabo, nangenxa yezono zalo elone ngazo: ngenxa yezo zinto liya kufa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa ukuba ilungisa liyaguquka ebulungiseni balo, lenze ngokungekho sikweni, lenze ngokwamasikizi awenzileyo ongendawo, ngaba liya kuphila na? Bonke ubulungisa bakhe abenzileyo abunakubizwa;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Xa ilungisa libulahla ubulungisa, lize lingene enkohlakalweni, lenze amanyundululu abefudula esenziwa ngokhohlakeleyo, lingabudla njani ubomi? Bonke ubulungisa ebelifudula libenza abuyi kuba sakhunjulwa. Liya kufa kuba lingathembekanga, lifela izono zalo.