Ezekiel 18:31 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lahlani kuni zonke izigqito zenu, enigqitileyo ngazo; nize nizenzele intliziyo entsha nomoya omtsha: ngokuba kunganina ukuba niya kufa, ndlu ka‐Sirayeli?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Lahlani zonke izikreqo zenu enikreqe ngazo, nizenzele intliziyo entsha nomoya omtsha. Yini na ukuba nife, ndlu kaSirayeli?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Lahla zonke izikreqo zakho okreqe ngazo kuwe; nizenzele intliziyo entsha nomoya omtsha; Yini na ukuba nife, ndlu kaSirayeli?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yahlukanani nezikreqo ebenifudula nizenza, nizifumanele intliziyo entsha, nomoya omtsha. Ngani ukuba nife, ndlu kaSirayeli?