Ezekiel 18:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
o ngadlanga pezu kwentaba, namehlo ake akawapakamiselanga kwizitixwana zendlu ka‐Sirayeli, nomfazi wommelwane wake akamnco̔lisanga, nenkazana esesifeni sayo akasondelanga kuyo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
akadlela ezintabeni, amehlo akhe akawaphakamisela kwizigodo zendlu yakwaSirayeli; umfazi wommelwane wakhe akamenza inqambi, akasondela kumfazi enomzi;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wayengadli ezintabeni, engawaphakamiseli amehlo akhe emifanekisweni eqingqiweyo yendlu kaSirayeli, engamhlambeli umfazi wommelwane, engasondeli nakumfazi wenyanga;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
akathathi nxaxheba kwizibingelelo zasezintabeni, okanye athembele *kwizithixo zendlu kaSirayeli; akamhlazisi umka-mmelwane, okanye alale nomfazi osexesheni;