Ezekiel 18:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ongabandezelanga mntu, isibanjiselwa sake setyala usibuyisile, impango akayipanganga, isonka sake usinikile kolambileyo, nohamba zé umambesile ngengubo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
akamxinzelela phantsi umntu, wasibuyisa isibambiso sokuboleka kwakhe, akaxhakamfula; wamnika olambileyo isonka sakhe, wamgubungela oze ngengubo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
akacudisa mntu, wasibuyisela isibambiso sakhe konetyala, akaphanga mntu, wasinika olambileyo isonka sakhe, wamambesa oze ngengubo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
akacinezeli mntu, kodwa uyakubuyisa oko bekubanjiswa ngako ebolekisa; akanguye umphangi, koko ubapha ukutya abalambileyo, abambese abahamba ze;