Ezekiel 19:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
uti: Ebeyinto nina unyoko? Ebeyingonyamakazi; pakati kwengonyama yalala pantsi, pakati kwengonyamana yawondla amatole ayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uyintoni na unyoko? Ingonyamakazi, ebuthume phakathi kweengonyamakazi, ewondlela amathole ayo phakathi kweengonyama ezintsha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, Uyintoni na unyoko? Yayiyingonyamakazi, ilele phakathi kweengonyama, ilundla amathole ayo phakathi kweengonyama.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
uthi: “ ‘Unyoko wayeyingonyama phakathi kweengonyama! Ubebuthuma phakathi kwamathole eengonyama, esanyisa amathole akhe.