Ezekiel 19:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yada yakulisa elinye kwamatole ayo; laba yingonyamana, lafunda ukubamba into yokuqwengwa; abantu labadla.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yakhulisa elinye ematholeni ayo, laba yingonyama entsha, lafunda ukuqwenga iinyamakazi; ladla abantu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yakhulisa elinye lamantshontsho ayo, yaba livukuthu, yafunda ukubambisa inyamakazi; yatya abantu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Walondla lakhula elinye ithol' iduna, languxholovane wengonyama. Yafund' ukudlavuz' ixhoba, yawathi nqwam-nqwam amadoda.