Ezekiel 19:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zaza zalifaka esivalelweni ngemixokelelwane, zalizisa kukumkani we‐Babilone; zalizisa emanqabeni, ukuze ilizwi lalo lingabuyi liviwe pezu kwentaba zakwa‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Zalifaka endlwaneni linamakhonkco zalisa kukumkani waseBhabheli, zalisa ezimboniselweni, ukuze ilizwi lalo lingabi savakala ezintabeni zakwaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bamfaka amakhamandela, bamsa kukumkani waseBhabheli;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bayirhola ngamagwegwe, bayifaka ehokweni; beza nayo kukumkani waseBhabheli, yavalelwa entolongweni. Awabe uphinde uviwe umgqumo wayo kwiintaba zakwaSirayeli.