Ezekiel 2:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti kum: Nyana woluntu! ndiyakutuma elusatsheni luka‐Sirayeli, kwizizwe ezingevayo, ezivukele ngakum: lona noyise balo bagqitile ngakum kwada kwanguwo umhla lo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi kum, Nyana womntu, ndikuthuma koonyana bakaSirayeli, kwiintlanga ezingabagwiliki, abagwilikileyo kum; bona nooyise babo bakreqile kum, kwada kwayile mini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waza wahlabela mgama wathi kum: “Nyana womntu, ndikuthuma koonyana bakaSirayeli, kubantu abazele yimvukelo, abajikileyo kum; bona bandingcatshile bona nooyise, unanamhla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
esithi: “Mntundini, ndikuthuma kumaSirayeli, isizwe sabavukeli esindivukeleyo; wona nooyise andivukele kwada kwanamhlanje.