Ezekiel 2:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nabo bona, nokuba baya kuva, nokuba baya kuyeka, (ngokuba beyindlu enenkani,) baya kukwazi noko ukuba umprofite ebepakati kwabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke bona (nokuba bathe beva, nokuba bathe bala, kuba beyindlu eneenkani) baya kwazi ukuba bekukho umprofeti phakathi kwabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaye bona, ukuba bafuna ukuva okanye abayeke baqhubeke (kuba yindlu yemvukelo), baya kwazi ukuba bekukho umprofeti phakathi kwabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, uze utsho nokuba bayaphulaphula, okanye abaphulaphuli. Kaloku bayadelela. Kambe ke baya kuqonda ukuba kufike *umshumayeli phakathi kwabo.