Ezekiel 2:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nawe, nyana woluntu! ungaboyiki, namazwi abo ungawoyiki, nangona amaṙau nameva anawe, nokuba uyahlala pakati kwonomadudwane: ungawoyiki amazwi abo, ungetuswa nangobuso babo, ngokuba beyindlu enenkani bona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wena ke, nyana womntu, musa ukuboyika, ungawoyiki amazwi abo; nangani usemarhawini nasemeveni, uhleli phezu koonomadudwane, musa ukuwoyika amazwi abo, ungaqhiphuki umbilini bubuso babo, kuba bayindlu eneenkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wena ke, nyana womntu, musa ukuboyika, ungawoyiki amazwi abo; ungawoyiki amazwi abo, ungawoyiki amehlo abo, ngokuba yindlu ezele lukreqo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wena ke, mntundini, uze ungaboyiki, neentetho zabo ungazoyiki. Maze ungoyiki naxa uphakathi korhalajana nobobo. Naxa sewuhlala nabanjengoonomadudwane uze ungoyikiswa zizinto abazithethayo nazizigrogriso zabo, kuba basisizwe esinenkani.