Ezekiel 2:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa wena, nyana woluntu! yiva oko ndikutetayo kuwe; uze ungabi ngonenkani, njengayo londlu enenkani; yakamisa umlomo wako, utye oko endikunika kuwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wena ke, nyana womntu, yiva endikuthethayo kuwe; ungabi nankani, njengale ndlu ineenkani; yakhamisa, udle endikunikayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wena ke, nyana womntu, yiva endikuthethayo kuwe; musa ukuba nekratshi, njengaloo ndlu ineenkani; vula umlomo wakho, utye endikunika kona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wena ke, mntundini, phulaphula endikuxelela kona. Ungandivukeli uxele esi sizwe sabavukeli; vula umlomo wakho, utye endikunika kona.”