Ezekiel 20:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa indlu ka‐Sirayeli yavukela ngakum entlango; abahamba ngezimiselo zam, nezigwebo zam bazidela, eziti ukuba umntu uyazenza, uya kubudla ubomi ngazo; nesabata zam bazinco̔lisa kakulu; ndandula ndati: Ndiya kutulula ubuṙalaṙume bam pezu kwabo entlango, ndize ndibagqibe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Indlu kaSirayeli yesuka yaba neenkani kum entlango;abahamba ngemimiselo yam; bawacekisa amasiko am, awothi umntu ewenzile, aphile ngawo; bazihlambela kakhulu iisabatha zam.Ndathi ke, ndiya kuthulula ubushushu bam phezu kwabo entlango, ukuze ndibagqibele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Indlu kaSirayeli yesuka indichasile entlango; abahamba ngemithetho yam, bayicekisa imithetho yam, awothi umntu ewenzile, aphile ngayo; Iisabatha zam zihlanjelwe kakhulu;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kodwa kuko konke oku abantu bakwaSirayeli bandivukela entlango, bayityeshela imimiselo yam, bayilahla imithetho yam – nakuba lowo uyithobelayo eya kudla ubomi ngenxa yayo – bayinyelisa kwaphela iMihla yam yokuPhumla. Ndatsho ukuthi ndiya kuyikhuphela kubo ingqumbo yam, ndibatshabalalise entlango.