Ezekiel 20:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa abantwana babo bavukela ngakum: abahamba ngezimiselo zam, nezigwebo zam abazigcina ukuba bazenze, eziti ukuba umntu uyazenza, uya kubudla ubomi ngazo; bazinco̔lisa isabata zam; ndandula ndati: Ndiya kutulula ubuṙalaṙume bam pezu kwabo, ukuze ndigqibe ingqumbo yam kubo entlango.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Basuka oonyana baba neenkani kum; abahamba ngemimiselo yam, abawagcina amasiko am ukuba bawenze, awothi umntu ewenzile aphile ngawo; bazihlambela iisabatha zam. Ndathi ke, ndiya kuthulula ubushushu bam phezu kwabo, ndiphelelisele umsindo wam kubo entlango.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa aba bantu bandivukela, abahamba ngemimiselo yam emisiweyo yaye abawagcinanga amasiko am ukuze bawenze, awothi nabani na owenzayo aphile ngawo; bazihlambele iisabatha zam; Ndathi ke, Ndiya kuthulula ubushushu bam phezu kwabo, ndenzele kubo umsindo wam entlango.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kodwa nabo abantwana bandivukela, bayityeshela imimiselo yam, baza abayigcina imithetho, nakuba umntu oyithobelayo aya kudla ubomi ngayo, bayinyelisa iMihla yam yokuPhumla. Ngako oko ndathi ndiya kuyikhuphela kubo ingqumbo yam, uphelele kubo umsindo wam entlango apho.