Ezekiel 20:28 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ndabazisa elizweni, endibe ndipakamisile isandla sam, ukuba ndiya kubapa lona; baza babona zonke induli ezinde, nayo yonke imiti ebungqingqwa, babingelela kona imibingo yabo, banikela nakona ingcapukiso yomnikelo wabo, babeka nakona ivumba elimnandi labo, batulula nakona iminikelo yokusela yabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba xenikweni ndabasayo ezweni endasiphakamiselayo isandla sam sokuba ndibanike lona, basuka bakhangela zonke iinduli ezinde, nemithi yonke ethe shinyi; bayibingelela khona imibingelelo yabo, banikela khona imisondezo yabo equmbisayo, babeka khona ivumba lamadini abo elithozamisayo, bathululela khona iminikelo yabo ethululwayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndabazisa kwelo zwe ndabaphakamisela isandla sam ukuba ndibanike lona, basuka bakhangela zonke iinduli ezinde, nemithi yonke eshinyeneyo, babingelela khona, baziswa kukuhleka kwabo idini; kwaye apho benza ivumba elimnandi, kwaye bagalela iziselo zabo apho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ndathi ndakufika nabo kumhlaba endandifungile ukuba ndiya kubanika wona, bona baba ngábona induli ephakamileyo okanye umthi oqhamileyo, basuka benza amadini neminikelo, into eyandixhokonxayo, bade banikela nangeziqhumiso ezivumba limnandi nangezinto ezithululwayo.