Ezekiel 20:31 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ekunikeleni izipo zenu, ekudluliseni abantwana benu emlilweni, nizinco̔lisile ngazo zonke izitixwana zenu kwada kwanamhla: sendiya kubuzelwa nini na, ndlu ka‐Sirayeli? Ndihleli nje mna, itsho inkosi e nguyehova, andiyi kubuzelwa nini!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
nizenze iinqambi ezigodweni zenu ngokunikela izipho zenu, nangokuba candisa emlilweni oonyana benu nanamhlanje; mna ndingabuzwa nini na, ndlu kaSirayeli? Ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, andiyi kubuzwa nini, nakanye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba xa nizisa izipho zenu, xa nibatshisa oonyana benu emlilweni, nizenze iinqambi ngezithixo zenu zonke ezinezothe enizinqulayo unanamhla; Ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, andisayi kubuzwa nini;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa ninikezela izipho zenu – idini elingoonyana benu emlilweni – niyazigqwalisa nangoku ngezithixo zenu. Ke, mzi kaSirayeli, nithi mandiniyeke nibuzise kum? Ndiyafunga, mna Nkosi Ndikhoyo, andisokuze ndiyivume loo nto.