Ezekiel 20:32 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo oko okuvukileyo emoyeni wenu akuyi kuka kubeko, oko ukuba niti: Siya kuba njengabaheyideni, njengezizalwane zamazwe, ukukonza imiti namatye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Loo nto ithe qatha emoyeni wenu, ayiyi kubakho nokubakho:leyo nithi, Siya kuba njengeentlanga, njengemizalwane yamazwe, silungiselele kwimithi namatye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke yona into ethe qatha entliziyweni yakho, ayiyi kubakho, xa nithi, Siya kuba njengeentlanga, njengezizwe zehlabathi, sisebenzela umthi namatye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Nina nithi: ‘Sifuna ukufana nezinye iintlanga, nabanye abantu behlabathi abanqula umthi nelitye.’ Kodwa ayisokuze ihle loo nto niyifunayo.