Ezekiel 20:38 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nabangevayo ndobahlula kuni, kwa nabo bagqita ngakum: ndobapumisa elizweni lokupambukela kwabo, baye bengayi kungena emhlabeni wakwa‐Sirayeli: naniya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ndibakhethe kuni abagwilikayo nabakreqayo kum. Ndiya kubakhupha ezweni lokuphambukela kwabo; ke akuyi kungena namnye emhlabeni wakwaSirayeli, ukuze nazi ukuba ndinguYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kubatshabalalisa phakathi kwenu abagwilikayo nabanginizayo; ndiya kubakhupha ezweni lokuphambukela kwabo, bangayi ke ezweni lakwaSirayeli; nazi ukuba ndinguYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ndiya kubakhuphela ngaphandle abo banenkani bandivukelayo. Nakuba ndiya kubakhupha kwilizwe abaphambukele kulo, kodwa abayi kungena kwilizwe lakwaSirayeli. Niya kuqonda ngoko ukuba ndinguNdikhoyo.