Ezekiel 20:39 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nani, ndlu ka‐Sirayeli! itsho inkosi e nguyehova ukuti: Hambani, nikonze abanye ngabanye izitixwana zabo, nasemva kwoku kanjako, ukuba aniyi kupulapula kum; kodwa igama lam ningabuyi nilidyobe ngezipo zenu, nangezitixwana zenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Nina ke, ndlu kaSirayeli, hambani, nikhonze elowo isigodo sakhe; kodwa emveni koko, inyaniso, niya kundiphulaphula, ningabi salihlambela igama lam elingcwele ngezipho zenu nangezigodo zenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
“Nina ke, bendlu kaSirayeli, itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi, Hambani, niye kukhonza elowo izithixo zakhe ezingento, nize emveni koko, anindiphulaphula; kodwa ize ningalenzi inqambi igama lam elingcwele ngezipho zenu nangezigodo zenu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kuni ke, ndlu kaSirayeli, itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Hambani nonke ngabanye, niye kunqula izithixo zenu ezinezothe. Kodwa kamva niya kundiphulaphula, nahlukane nokunyelisa igama lam elingcwele ngeminikelo nezithixo zenu.