Ezekiel 20:40 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba entabeni yam engcwele, entabeni ende yakwa‐Sirayeli, itsho inkosi e nguyehova, kwa kona yonke indlu ka‐Sirayeli, bonke abayo elizweni, baya kundikonza; kwa kona ndiya kubabuka, nakona ndiya kubiza iminikelo yenu, nesandulelo sezitabataba zenu, kunye nazo zonke izinto zenu ezingcwele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Entabeni yam engcwele, entabeni ende yakwaSirayeli, khona apho iya kundikhonza yonke indlu yakwaSirayeli, yonke iphela ezweni;khona apho baya kuba likholo kum; khona apho ndiya kubiza imirhumo yenu neentlahlela yezipho zenu, entweni yenu yonke eniyingcwalisayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba entabeni yam engcwele, entabeni ende yakwaSirayeli, itsho iNkosi uYehova, kulapho iya kundikhonza khona yonke indlu kaSirayeli, bonke abasehlabathini; khona apho ndiya kubakholisa, ndifune khona iminikelo yenu, nemirhumo yezipho zenu, nezipho zenu zonke ezingcwele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Nanku umlomo weNkosi uNdikhoyo: Phezu kwentaba yam eyodwa, intaba ephakamileyo kaSirayeli, apho kanye elizweni, kulapho iya kundinqula khona indlu kaSirayeli iphela, nam ndoyamkela. Apho ndiya kuyifuna imirhumo yenu neminikelo yenu ekhethiweyo kwakunye namadini enu awodwa.