Ezekiel 20:41 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngevumba elimnandi lenu ndonibuka, ndakunipumisa ezizweni, ndinibute emazweni enitiwe sa kuwo; ndandiya kungcwaliswa pakati kwenu pambi kwamehlo abaheyideni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Niya kuba likholo kum ninevumba elithozamisayo, ekunikhupheni kwam ezizweni; ndinibuthe emazweni enaphangalaliswa kuwo, ndizingcwalisele kuni emehlweni eentlanga;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kukholiswa livumba lenu elithozamisayo kuni, ekunikhupheni kwam ezintlangeni, ndinibuthe emazweni enilusali kuwo; ndongcwaliswa kuni phambi kweentlanga.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiya kunamkela okwesiqhumiso esivumba limnandi xa ndiniphuthuma ezizweni ndinihlanganisa kuloo mazwe nibhacele kuwo, ndize ndizityhile ubungcwele bam kuni, ezinye izizwe zibona.